Siyakudumisa Thixo

Jerusalem ikhaya lam, Joko ya hao e bobebe, Ndiyakholwa, Zahara, Ndikhokhele , Ke se ke utlwile, Sedi Laka, Hlala nami, Modimo wa boikanyo, Siyakudumisa Thixo

Siyakudumisa Thixo siya kuvuma ukuba unguYehova
Umhlaba wonke ubedesha wena.uYise ongunaphakade.
Zonke ingelosi zimemeza kuwe.kwanezulu nawo onke amandla akulo
Ikerubime nesarifine.zimana zimemeza kuwe
Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele.Yehova, Thixo wemikhosi

Izulu lizele, kwanomhlaba.bubukhulu bobungcwalisa bakho.
Umhlabi wobungcwalisa wabapostile.uyakudumisa.
Ama kholwane amahle aabaprofeti.ayakudumisa.
Umkhosi odumileyo wabafele wena uyakudumisa.

I Remente engcwele kulo lonke ilizwe.iyakuvuma
UYise.! obukhulu bungenambaliso,
UNyana wakho emnye.odumileyo, oyinene, KwanoMoya oyiNgcwele.umOnwabisi.
Ungu Kumkani wobungcwalisa.Wenatchee Kristu!
Wena unguNyana ongunaphakade.woYihlo,
Uthe wena wakunyula umsebenzi wokusindisa abantu.akwasidela isizalo sentombi.
Uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa wavulela bonke abakholwayo ubukumkani bezulu.
Wena uhleli ngasekunene kuThixo, ebungcwaliseni boYihlo.
Siyakholwa ukuba woza .ubengumGwebi wethu.
Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakho ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo.
Zenze ukuba zibalwe ndawonye nabangcwele bakho.ebungcwaliseni obungunaphakade.
Nkosi sindisa abantu bakho.uthamsanqelise ilifa lakho.
Baphathe, ubaphakamise.kude kube ngunaphakade.

Thina imihla ngemihla sikwenza mkhulu wena.
Sihlala sibedesha igama lakho.kude kube ngunaphakade
Sincede nKosi! Usilondoloze ngale mini singabi nasono.
NKosi zusiphathe ngetaru..zusiphathe ngetaru.

NKosi! Itaru lakho malihle phezu kwethu..njengokuba ithemba lethu likuwe.
NKosi! Ndithembe wena . ma ndingaze ndidaniswe.

Find top songs and albums, Play Mp3 Download Fakaza Datafilehost Music Tubidy Mp3juice. You can easily find it on popular music streaming platforms such as Spotify, Apple Music, or YouTube.

Be the first to comment

Leave a Reply

Your email address will not be published.


*